1 Kings 20:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako wati kuzo izigidimi zika‐Bene‐hadadi: Yitini kuyo inkosi yam ukumkani: Konke ubukutumela kwisicaka sako ekuqaleni ndiya kukwenza: kodwa lento andingeyenze. Zaselezimka izigidimi, zabuya zeza kuye nempendulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke kubathunywa bakaBhen-hadade, Nothi enkosini yam ukumkani, Yonke into obumthume yona umkhonzi wakho ngokokuqala, ndoyenza; le nto yona andinakuyenza. Bemka ke abathunywa, babuya nelo lizwi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubathunywa bakaBhen-hadade, Nothi enkosini yam ukumkani, Yonke into obumthumele kuyo umkhonzi wakho ngaphambili, ndoyenza; kodwa le nto andiyi kuyenza. Bahamba abathunywa, babuya bamxelela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku wathi kubathunywa bakaBhenadadi: “Yixeleleni inkosi yam ukumkani nithi mna sicaka sakhe zonke izinto ebethe uyazifuna kwisihlandlo sokuqala ndizimisele ukumnika, kodwa ke yona le ayithethayo ngoku andinakuyenza.” Bemka ke abathunywa abo, basa olu daba kuBhenadadi.