1 Kings 21:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kusiza amadoda amabini, usapo lwobunginingini, ahlala malungana naye; aza anqi̔na ngakuye lomadoda obunginingini, ngakuye u‐Nabote, ebusweni babantu, esiti: u‐Nabote ugxekile utixo nokumkani. Baza bampumisela ngapandle kwesixeko, bamgibisela ngamatye, wada wafa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwafika loo madoda mabini angamatshijolo, ahlala phambi kwakhe. Amadoda lawo angamatshijolo angqina ngaye uNabhoti phambi kwabantu, athi, UNabhoti uthuke uThixo nokumkani.Bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye, wafa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwangena amadoda amabini, oonyana bakaBheliyali, ahlala phambi kwakhe, aza loo madoda angamatshijolo anikela ubungqina nxamnye noNabhoti phambi kwabantu, esithi: “uNabhoti uthuke uThixo nokumkani. Bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye, wafa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwavela iindlavini ezimbini, zahlala malunga noNabhoti, zaza zamtyhola apho phambi kwabo bantu zisithi: “UNabhoti lo uthuke uThixo kunye nokumkani!” Ngoko ke uNabhoti bamkhuphela ngaphandle kwesixeko, baza bamgibisela ngamatye, wafa.