1 Kings 21:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, akuva u‐Jezebele okokuba u‐Nabote ugityiselwe ngamatye, nokuba ufile, wandula wati u‐Jezebele ku‐Ahabi: Suka, bamba umyezo ka‐Nabote um‐Yezerele, lowo walayo ukuwunika kuwe ngemali; ngokuba u‐Nabote engasahleli, seefile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuva uIzebhele ukuba uNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa, wathi uIzebhele kuAhabhi, Suka, usithabathe isidiliya sikaNabhoti waseYizereli, abengavumi ukukunika ngemali; ngokuba uNabhoti akasekho, ufile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uIzebhele akuva ukuba uNabhoti ugityiselwe ngamatye wafa, uIzebhele wathi kuAhabhi: “Sukuma, uthabathe isidiliya sikaNabhoti waseYizereli, abengafuni ukukunika sona ngemali, kuba uNabhoti akaphilanga kodwa bafile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke akuva uJezebhele ukuba uNabhoti ugityiselwe ngamatye wafa, wathetha noAhabhi, wathi: “Hamba uye kusithatha isidiliya sikaNabhoti waseYizereli, sibe sesakho. Nditsho eso ebesala ukukuthengisela sona. Kaloku uNabhoti akasekho, ufile.”