1 Kings 21:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, akuva u‐Ahabi ukuba u‐Nabote ufile, wesuka u‐Ahabi ukuya kuhlela emyezweni ka‐Nabote um‐Yezerele, ukuwubamba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuva uAhabhi ukuba uNabhoti ufile, wesuka uAhabhi, wehla, waya kusithabatha isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weva uAhabhi ukuba uNabhoti ufile, wesuka wehla, waya kusilungisa isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke uAhabhi akuva ukuba uNabhoti ufile, wee thwasu ngoko nangoko, wehla waya kusithatha isidiliya eso yayisesikaNabhoti.