1 Kings 21:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kuteta kuye, usiti: Utsho uyehova ukuti: Ubulele na, waubambile kanjalo na? Wauya kuteta kuye, usiti: Utsho uyehova ukuti: Endaweni apo izinja zibe zikota igazi lika‐Nabote kona, izinja ziya kukota igazi lako, ewe elako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ubulele na, wathabatha na? Uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Endaweni ezixhaphele kuyo izinja igazi likaNabhoti, ziya kulixhaphela khona izinja igazi lakho, wena lo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze uthethe kuye uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ubulele na, waba sisityebi na? Uze uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Apho izinja zalixhaphela khona igazi likaNabhoti, ziya kulingcamla izinja igazi lakho, elilelakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Thetha naye, uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ubulele na, wathatha na?” ’ Uze uthi ke kuye: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Kuloo ndawo zilixhaphele kuyo izinja igazi likaNabhoti, zolixhaphela kwakuyo nelakho igazi. Ewe, elakho kanye!” ’ ”