1 Kings 21:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wateta u‐Ahabi ku‐Nabote, esiti: Ndinike umyezo wako, ukuba ube sisitiya sam semifuno, ngokuba wona ukufupi nendlu yam: ndandiya kunika wena esikundleni sawo umyezo olungileyo pezu kwawo: okanye, ukuba kulungile emehlweni ako, ndokunika imali yexabiso lawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathetha uAhabhi kuNabhoti, wathi, Ndinike isidiliya sakho, ukuba sibe ngumyezo wemifuno; ngokuba sisondelelene nendlu yam;ndokunika isidiliya esilungileyo kuneso esikhundleni saso; ke ukuba kuthe kwalunga emehlweni akho, ndokunika imali esilingeneyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha uAhabhi kuNabhoti, wathi, Ndinike isidiliya sakho, ndisenze umyezo wemifuno, ngokuba sikufuphi nendlu yam; kwaye ngenxa yoko ndiya kukunika isidiliya esilungileyo kunesi; okanye ukuba kulungile, ndokunika ixabiso layo ngemali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAhabhi wathetha noNabhoti, wathi: “Esi sidiliya sakho sikufuphi kakuhle kum; bekunganjani xa undinika sona, ukuze ndizilimele imifuno kuso? Endaweni yaso ndingakunika isidiliya esibhetele kunene kunaso, okanye ke xa uthanda ndingakuhlawula nantoni na esixabisa yona.”