1 Kings 21:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Ahabi wangena endlwini yake, ete shwa, equmbile nokuqumba, ngenxa yelizwi abelitetile kuye u‐Nabote um‐Yezerele; ngokuba ebete: Andiyi kunika kuwe ilifa lobawo bam. Waya walala pantsi pezu kwomandlalo wake, wasonga ubuso bake, engadlanga isonka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAhabhi waya endlwini yakhe ebuthe nkwa ubuso, ejalile, lilizwi abelithethile kuye uNabhoti waseYizereli, wathi, Andiyi kukunika ilifa loobawo. Waya walala esingqengqelweni, wabheka phaya; akadla nokudla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wangena uAhabhi endlwini yakhe, ethe khunubembe, equmbile, lilizwi abelithethile kuye uNabhoti waseYizereli; ngokuba wathi, Andiyi kukunika ilifa loobawo. Walala esingqengqelweni sakhe, wabujika ubuso bakhe, akadla sonka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uAhabhi wagoduka equmbe esisifu kuba uNabhoti waseYizereli ethe: “Andinako ukukunika ilifa loobawo.” Wangqengqa emandlalweni wakhe, wafulathela, engafuni nokutya oku.