1 Kings 21:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayeteta kuye, esiti: Ngokokuba benditeta ku‐Nabote um‐Yezerele, ndati kuye: Ndinike umyezo wako ngemali; okanye, ukuba uyatanda, ndokunika omnye umyezo esikundleni sawo: koko wati: Andiyi kunika kuwe umyezo wam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuye, Kungokuba ndithethe kuNabhoti waseYizereli, ndathi kuye, Ndinike isidiliya sakho ngemali; okanye ukuba uyavuma, ndokunika esinye isidiliya esikhundleni saso; wathi, Andiyi kukunika isidiliya sam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, Ngokuba ndithethe noNabhoti waseYizereli, ndathi kuye, Ndinike isidiliya sakho ngemali; okanye, ukuba uyavuma, ndokunika esinye isidiliya esikhundleni saso; waphendula wathi, Andiyi kukunika isidiliya sam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi: “Kungenxa yokuba ndithethe noNabhoti waseYizereli, ndathi: ‘Ndithengisele isidiliya sakho, okanye ke ndikutshintshisele ngesinye.’ Kambe ke yena uthe: ‘Andinako ukukunika isidiliya sam.’ ”