1 Kings 21:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula waba̔la incwadi egameni lika‐Ahabi, wazincamatisela ngesincamatiselo sake, wazituma incwadi kubadala nakumaduna ababesesixekweni sake, behlala no‐Nabote.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi, wazitywina ngomsesane wakhe, wazithumela ezo ncwadi kumadoda amakhulu nakubanumzana ababekuloo mzi wakhe, ababehleli noNabhoti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi waza waziqinisa ngetywina lakhe, wazithumela ezo ncwadi kumadoda amakhulu nakwizidwangube ezazihlala kwisixeko sakhe esasihlala noNabhoti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi, wazitywina kwangomsesane wakhe, waza wazithumela kumadod' amakhulu nezidwangube ezazihlala kweso sixeko sikaNabhoti.