1 Kings 22:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku isigidimi esibe siye ukumbiza u‐Mikaya sateta kuye, sisiti: Bona ke, amazwi abaprofite ngomlomo mnye ateta okulungileyo kukumkani; makeliti ke ilizwi lako libe njengelizwi lomnye kubo, uz’ utete okulungileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke umthunywa, obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; izwi lakho makhe libe njengelizwi labo, uthethe okuhle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umthunywa obembizile uMika wathetha kuye, wathi, Yabona, amazwi abaprofeti athetha kakuhle ngamlomo mnye kukumkani; ilizwi lakho malibe njengelizwi labo, uthethe okulungileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke isigidimi esasiphuthume uMika sathi kuye: “Uyabona ke, abanye abashumayeli batsho ngazwi-nye kukumkani ukuthi uza kuphumelela. Nawe ke uze ungaphikisani nabo, koko uthethe okuhle.”