1 Kings 22:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka weza kukumkani. Waza wati ukumkani kuye: Mikaya! siya kuya e‐Ramote yase‐Gileyadi ukulwa, siya kuyeka, kusinina? Wayesiti kuye: Nyuka, utamsanqeleke; ngokuba uyehova eya kuyinikela esandleni sokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafika kukumkani. Wathi ukumkani kuye, Mikaya, siye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, siyeke, kusini na? Wathi kuye, Nyuka, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke waya kukumkani. Wathi uYehova kuye, Mika, siye na siye kulwa neRamoti yaseGiliyadi, siyishiye, kusini na? Wathi kuye, Hamba uphumelele, ngokuba uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba efikile ke, ukumkani wathi kuye: “Mika, singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?” UMika wathi: “Phakathi! Yihlasele; uya kuyoyisa, kuba uNdikhoyo uyinikele esandleni sikakumkani!”