1 Kings 22:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wasondela u‐Zedekiya unyana ka‐Kenana, wambeta u‐Mikaya esidleleni, wati: Wadlula ngayipina indlela umoya kayehova evela kum ukuya kuteta nawe?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uZedekiya unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Ugqithe phi na kum uMoya kaYehova, ukuba aye kuthetha kuwe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka uZedekiya, unyana kaKanan, wafika wambetha uMika esidleleni, wathi, Ugqithe ngayiphi na indlela kum uMoya kaYehova, ukuba aye kuthetha kuwe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wasuka ke uZedekiya unyana kaKenana waya kuMika, wafika wamqhwaba ngempama, wathi: “Ugqithe phi na kum loo moya kaNdikhoyo ukuba aye kuthetha kuwe?”