1 Kings 22:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada wati ukumkani wo‐Sirayeli ezicakeni zake: Anazi na ukuba i‐Ramote yase‐Gileyadi yeyetu? kanti tina siti tu, singayibambi esandleni sokumkani we‐Siriya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kubakhonzi bakhe, Anazi na ukuba iRamoti yaseGiliyadi yeyethu, ukanti sithe cwaka thina;asiyihluthi esandleni sokumkani wakwa-Aram?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kubakhonzi bakhe, Niyazi na ukuba iRamoti yaseGiliyadi yeyethu, ukuba sithe cwaka nje, singayihluthi esandleni sokumkani wakwa-Aram?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wakwaSirayeli wayethethe namaphakathi akhe wathi: “Niyaqonda na ukuba iRamoti yaseGiliyadi ngumhlaba wethu, ibe ke asenzi nto ukuzabalazela ukuyithatha kukumkani wama-Aram?”