1 Kings 22:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, xeshekweni inkosi zenqwelwana zambonayo u‐Yehoshafate, zasezisiti: Okunene ngukumkani wo‐Sirayeli lowo. Zaza zapambuka ukuya kulwa ngakuye; kodwa u‐Yehoshafate wakala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, bakumbona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi bona, Inene, ngukumkani wakwaSirayeli; batyeka ke, beza kulwa naye. Wakhala uYehoshafati.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bambona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi, Nanku ukumkani wakwaSirayeli; Bajika ke, beza kulwa naye, uYehoshafati wamcel’ umngeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zithe ke iingwayi-ngwayi zeenqwelo zakubona uYoshafati, zacinga zathi: “Ngenene, nguye lo ukumkani wakwaSirayeli.” Ngoko ke zaphethuka zafunzela kuye, kodwa uYoshafati wasuka wakhala,