1 Kings 22:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula indoda etile yatyeda isipeta ekungazini kwayo, yambeta ukumkani wo‐Sirayeli pakati kwamakonxo nehempe yentsimbi. Ngako wati kumbexeshi wake: Songa isandla sako, upume nam emkosini; ngokuba ndenziwe inxeba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi umntu watyeda isaphetha, efunisela, watsho kukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo.Wathi yena kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undise ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Indoda ethile yatola isaphetha, yasinda, yambulala ukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kotolo kuba ndonzakele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke joni lithile lasuka lajolisa nje ngokungakhathali ngotolo, suka lachana ukumkani wakwaSirayeli, utolo lwangena ekudibaneni kwezikhuselo awayezinxibile. Ukumkani wathetha nomqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Bandingxwelerhile; yijike inqwelo, siphume edabini.”