1 Kings 22:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kusanda ukulwa ngalomini; waza ukumkani waxaswa enqwelwaneni malungana nama‐Siriya: kodwa wafa ngokuhlwa, lati igazi lenxeba lapalalela esifubeni senqwelwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukulwa kwenyuka loo mini. Ukumkani wazimisa enqwelweni phambi kwama-Aram, wafa ngokuhlwa; igazi lenxeba lakhe lankcenkceza, laya esiswini senqwelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukulwa kwenyuka loo mini, ukumkani wahlala enqwelweni yakhe emelene nama-Aram, wafa ngokuhlwa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Idabi laqhuba ke yonke loo mini, waye ukumkani exhaswe enqwelweni yakhe, ejongise ngakuma-Aram. Igazi elalimpompoza kwelo nxeba lakhe lada lathi gwantyi phantsi apho enqwelweni, waza ke xa kuhlwayo wafa.