1 Kings 22:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati nakuye u‐Yehoshafate: Uya kuhamba na nam ukulwa e‐Ramote yase‐Gileyadi? Waye u‐Yehoshafate esiti kukumkani wo‐Sirayeli: Njengokuba unjalo wena, ndinjalo mna; njengokuba benjalo abantu bako, banjalo abantu bam; njengokuba enjalo amahashe ako, anjalo amahashe am.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuYehoshafati, Wohamba na nam, silwe neRamoti yaseGiliyadi? Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Ndinjengawe; abantu bam banjengabantu bakho, amahashe am anjengamahashe akho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuYehoshafati, Wohamba na nam, siye eRamoti yaseGiliyadi? Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Ndinjengawe; abantu bam banjengabantu bakho, namahashe am anjengamahashe akho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke wathi kuYoshafati: “Uya kuhamba nam na, silwe neRamoti yaseGiliyadi?” UYoshafati wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho, namahashe am ngamahashe akho.”