1 Kings 22:43 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye ehamba ngayo yonke indlela ka‐Asa uyise, akapambuka kuyo, esenza okufaneleyo emehlweni kayehova: kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa; abantu basabinga baqumisa ezindaweni ezipakamileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wahamba ngeendlela zonke zika-Asa uyise, akatyeka kuzo;esenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wahamba ngeendlela zonke zika-Asa uyise; makangaphambuki ekwenzeni okuthe tye emehlweni kaYehova; ke iziganga azisuswanga; kuba abantu babesabingelela kwiindawo eziphakamileyo yaye beqhumisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngako konke yena wahamba ekhondweni likayise uAsa, akanxaxha konke. Ewe, wayesenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo. Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshitshiswe; abantu bawaqhubela phambili amadini ababewenza khona ndawonye neziqhumiso.