1 Kings 22:48 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Yehoshafate wazenza inqanawa zase‐Tareshishe ukuba ziye e‐Ofire ngenxa yegolide: kodwa zibe zingayi, ngokuba inqanawa zapukayo e‐Hetsiyone‐gebere.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehoshafati wenza iinqanawa zaseTarshishe zokuya kuthabatha igolide kwaOfire. Azaya, ngokuba iinqanawa ezo zaphuka e-Etsiyon-gebhere.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehoshafati wakha iinqanawa ezisuka eTarshishe ukuya kwaOfire, ukuba ziqokelele igolide; ke abemka; ngokuba iinqanawa zaphuka e-Esionngeber.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshafati wakha iqela leenqanawa zokurhweba, ukuze ziye eOfire, zifune igolide. Kambe ke zange zide zihambe, kuba zazisuka zitshone e-Eziyon-gebhere.