1 Kings 22:51 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐AHAZIYA unyana ka‐Ahabi waba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, ngomnyaka weshumi linesixe̔nxe ka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani iminyaka yamibini pezu kwo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAhaziya, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari ngomnyaka weshumi elinesixhenxe kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, waba neminyaka emibini engukumkani kwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAhaziya, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya ngomnyaka weshumi elinesixhenxe kaYehoshafati ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani wakwaSirayeli iminyaka emibini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uAhaziya unyana ka-Ahabhi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya kunyaka weshumi elinesixhenxe uYoshafati engukumkani wakwaJuda, waza ke walawula kwaSirayeli iminyaka emibini.