1 Kings 22:52 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, wahamba endleleni yoyise, nasendleleni yonina, nasendleleni ka‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owabenza o‐Sirayeli bone:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kayise, nangendlela yonina, nangendlela kaYarobheham unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngeendlela zikayise, nangeendlela zikanina, nangeendlela zikaYarobheham unyana kaNebhati, obekhokele kwaSirayeli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba wasuka wahamba ekhondweni likayise nonina, nasezindleleni zikaJerobhowam unyana kaNebhati owalukuhlela uSirayeli esonweni.