1 Kings 22:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wahlanganisa abaprofite, ngati ngamadoda amakulu mane, wati kubo: Ndiya kuya ngase‐Ramote yase‐Gileyadi ukulwa, ndiya kuyeka, kusinina? Bati: Nyuka; ngokuba inkosi iya kuyinikela esandleni sokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, bekumakhulu amane amadoda, wathi kubo, Ndiye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka; iNkosi yoyinikela esandleni sokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wababiza ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, bekumakhulu amane amadoda, wathi kubo, Ndiye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyikhulule, kusini na? Athi, Nyuka; ngokuba uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabaqokelela abashumayeli bekwisithuba samakhulu amane, wathi: “Ndingaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?” Bathi: “Yiya; uNdikhoyo uza kuyinikela esandleni sikakumkani.”