1 Kings 3:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wavuka u‐Solomone; kekaloku bona ke, lipupa. Wasuka weza e‐Yerusaleme, wema pambi kwetyeya yocebano lukayehova, wanikela amadini okutshiswa, wenza iminikelo yoxolo, wazenzela zonke izicaka zake isidlo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka uSolomon, O! liphupha. Waya ke eYerusalem, wema phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, wenyusa amadini anyukayo, wenza imibingelelo yokubulela, wabenzela isidlo abakhonzi bakhe bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavuka uSolomon; liphupha. Weza eYerusalem, wema phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, wenyusa amadini anyukayo nemibingelelo yombulelo, wabenzela isidlo abakhonzi bakhe bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uSolomon wavuka, waqonda ukuba kuthe kanti liphupha. Wabuyela eJerusalem, wema phambi kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo, waza wenza amadini atshiswayo ngokunjalo nawobudlelwane. Kamva ke wazenzela umbhiyozo zonke izinxiba-mxhaka zakhe.