1 Kings 3:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngolwesitatu usuku emva kwokuzala kwam, wandula wazala nalomfazi; sabesindawonye tina, kungeko owasemzini nati endlwini, kupela siti sobabini abebesendlwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngosuku lwesithathu ndizele, yazala nayo le nkazana, sindawonye ke; kwaye kungekho mntu wasemzini unathi kuloo ndlu, sisodwa thina sobabini kuloo ndlu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazala ngomhla wesithathu, naye lowo wazala; kwaye sasikunye; kwaye kungekho mntu wasemzini unathi kuloo ndlu, sisodwa thina sobabini kuloo ndlu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngosuku lwesithathu ndibelekile nalo mfazi ubeleke owakhe umntwana. Ke kaloku ke besisobabini apho endlwini, kungekho mntu wumbi.