1 Kings 3:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa abantu babingela ezindaweni ezipakamileyo, ngokuba bekungeko indlu eyakelwa igama likayehova, kwada kwayimihla leyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ke abantu babebingelela ezigangeni; ngokuba belingekakhelwa ndlu igama likaYehova, kwada kwayiloo mihla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa abantu babebingelela ezigangeni; ngokuba lalingekakhelwa ndlu igama likaYehova kwada kwayiloo mini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke bona abantu amadini babesawenzela ezindulini, kuba belingekakhelwa indlu igama likaNdikhoyo ngelo xesha.