1 Kings 3:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wesuka ke pakati kwobusuku, watabata unyana wam engakum, nxa isicakakazi sako sibe silele ubutongo, wamlalisa esifubeni sake, nonyana wake ofileyo wamlalisa esifubeni sam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yavuka phakathi kobusuku, yamthabatha unyana wam ecaleni lam, elele umkhonzazana wakho lo, yamlalisa esifubeni sayo, yathi unyana wayo ofileyo yamlalisa esifubeni sam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavuka ezinzulwini zobusuku, wamthabatha unyana wam phambi kwam, elele umkhonzazana wakho, wamlalisa esifubeni sakhe, wambeka esifubeni sam umntwana wakhe ofileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakuba njalo ke uvukile wachwechwa ezinzulwini zobusuku, weza kûba unyana wam ecaleni lam, mna ke sicakazana sakho ndilele thwii. Suka ke wathatha lo nyana wakhe ungasekhoyo wambeka esifubeni sam, lo wam wamncancisa kuye.