1 Kings 3:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati omnye umfazi: Hai: ohleliyo ngunyana wam, nofileyo ngunyana wako. Wati nalowo: Hai; ofileyo ngunyana wako, nohleliyo ngunyana wam. Bateta njalo ke ebusweni bokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi enye inkazana, Hayi, ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo. Yathi le, Hayi; unyana wakho ngulowa ufileyo, unyana wam ngulo uhleliyo. Benjenjalo ukuthetha phambi kokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi omnye umfazi, Hayi; ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo. Wathi yena, Hayi; unyana wakho ngulowa ufileyo, ngunyana wam lo uhleliyo. Batsho phambi kwenkosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Omnye lo ke umfazi wathi: “Hayi bo! Lo mntwana uphilayo ngowam; owakho ngulo ufileyo.” Lo wokuqala ke umfazi wathi: “Unotshe! Owakho ngulo ufileyo; ngowam lo uphilayo!” Yaba yiloo mpikiswano ke apho phambi kokumkani.