1 Kings 3:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati ukumkani: Omnye uti: Lo ngunyana wam ohleliyo, nonyana wako ngofileyo; kanjalo omnye nti: Hai; ofileyo ngunyana wako, nohleliyo ngunyana wam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani, Le ithi, Ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo; leya ithi, Hayi, unyana wakho ngulowa ufileyo, ngunyana wam lo uhleliyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani, Kuthiwa, Ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo; omnye wathi: Hayi! kodwa unyana wakho ufile, yaye unyana wam ngulo udla ubomi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani ke wathi: “Oo! Lo uthi: ‘Ngunyana wam lo uphilayo, ngunyana wakho lo ufileyo;’ abe omnye esithi: ‘Hayi khona, ngunyana wakho lo ufileyo, owam ngulo uphilayo!’ ”