1 Kings 3:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wateta umfazi, abengowake umntwana ohleliyo, kukumkani, ngokuba umbilini wake ubuvuta pezu kwonyana wake, wayesiti: Ke, nkosi yam! mnikeni yena umntwana ohleliyo, nize ningake nimbulale. Kodwa omnye wati: Makangabi ngowam, makangabi ngowako kanjalo; nqumlani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathetha le nkazana, ungowayo unyana ohleliyo, kukumkani (ngokuba ibisikwayimfesane ngonyana wayo), yathi, Camagu, nkosi yam, seniyinika lo mntwana uhleliyo; musani ukumbulala afe. Ke enye le yathi, Makangabi ngowam, makangabi ngowakhe; mcandeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathetha le nkazana, ungowayo unyana ohleliyo, kukumkani (ngokuba isisu besikhalela unyana wayo), yathi, Camagu, nkosi yam, senimnike ehleli umntwana; Wathi ke omnye, Mayingabi yeyam, ingabi yeyakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku lo mfazi yayingowakhe umntwana ophilayo wasikwa yinimba, wathi kukumkani: “Ndincede, mhlekazi, musa ukumbulala! Ndaweni yaloo nto mnike lo mfazi lo mntwana uphilayo!” Ke yena omnye lo umfazi wathi: “Ewe, kungcono singamfumani sobabini; mahlule kubini!”