1 Kings 3:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye o‐Sirayeli bonke beva umgwebo abegwebile ngawo ukumkani; baza bamoyika ukumkani: ngokuba bebebona ukuba ubulumko bukatixo bukuye, ukwenza ukugweba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Asiva onke amaSirayeli isigwebo agwebe ngaso ukumkani;amoyika ukumkani; ngokuba ayebona ukuba ubulumko bukaThixo buphakathi kwakhe, ukuba enze isigwebo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Asiva onke amaSirayeli isigwebo abesenza ukumkani; amoyika ukumkani, ngokuba ayebona ukuba ubulumko bukaThixo bungaphakathi kwakhe, ukuba agwebe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athe ke amaSirayeli akusiva eso sigwebo sikakumkani, atsho amhlonela, kuba eqonda ukuba kuthe kanti uThixo ukumkani umphe ubulumko bokuthetha amatyala ngobulungisa.