1 Kings 3:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani waya e‐Gibeyone ukubingela kona; ngokuba leyo ibiyindawo epakamileyo enkulu: iwaka lamadini okutshiswa walinikela u‐Solomone pezu kwesibingelo eso,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani ubesiya eGibheyon, ukuba abingelele khona; ngokuba ibisiso isiganga esikhulu; uSolomon wenyusa iwaka lamadini anyukayo kweso sibingelelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani ubesiya eGibheyon, ukuba abingelele khona; ngenxa yokuba yayiyindawo ephakamileyo kakhulu: uSolomon wanikela iwaka leminikelo etshiswayo kweso sibingelelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani waya eGibheyon, esiya kwenza amadini, kuba leyo yayiyeyona nduli ibalulekileyo, waza ke uSolomon wenza iwaka lamadini atshiswayo apho eqongeni.