1 Kings 3:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako sinike isicaka sako intliziyo eqondayo, ukuba ndigwebe abantu bako, ukuba ndiqiqe pakati kwokulungileyo nokukohlakeleyo; ngokuba engubanina ongagwebayo aba abantu bako bakulu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mnike umkhonzi wakho intliziyo evayo, yokubalawula abantu bakho, ahlule phakathi kokulungileyo nokungendawo; ngokuba ngubani na onako ukubalawula abantu bakho aba bangaka?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mnike umkhonzi wakho intliziyo evayo, yokubalawula abantu bakho, ahlule phakathi kokulungileyo nokubi; ngokuba ngubani na ongalugwebayo olu hlanga lwakho lukhulu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke mna sicaka sakho ndiphe intliziyo enobulumko, ukuze ndikwazi ukubalawula abantu bakho, ndiwazi umahluko phakathi kokulungileyo nokubi. Kaloku akakho umntu onganako ukuyilawula le ndimbane yaba bantu bakho.”