1 Kings 4:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ebenobukosi pezu kwalo lonke ilizwe elinganeno kwomlambo, kwa kuyo i‐Tipesahi kude kwase‐Gaza, pezu kwabo bonke okumkani nganeno kwomlambo; waye enoxolo ngawo onke amacala ake ngokungqonga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ubenobukhosi kulo lonke eliphesheya kwawo uMlambo, lithabathela eTifesa lesa eGaza, kookumkani bonke abaphesheya koMlambo. Wayenoxolo ngeenxa zonke kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubephethe ilizwe lonke elinganeno koMlambo, ethabathela eTifsa wesa eAza, nookumkani bonke abaphesheya koMlambo; Wayenoxolo kuzo zonke iindawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uSolomon wayelawula zonke izikumkani ezikwintshona yomlambo iEfrati, ukusuka eTisa ukuya eGaza, kuyinzolo macal' onke.