1 Kings 4:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ewe ebelumkile pezu kwabantu bonke; pezu kwo‐Etane um‐Ezera, no‐Hemani, no‐Kalikoli, no‐Dareda, onyana baka‐Mahole: lwati udumo lwake lwabako kuzo zonke izizwe ezingqongayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubelumkile ngaphezu kwabantu bonke, ngaphezu koEtan umEzera, noHeman, noKalekole, noDarda, oonyana bakaMaholi.Igama lakhe belisezintlangeni zonke ngeenxa zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ubelumkile ngaphezu kwabantu bonke; noEtan waseMosera, noHeman, noKakoli, noDarda, oonyana bakaMahole; udumo lwakhe lwaba sezizweni zonke ezimjikelezileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngobulumko wayebagqwesa bonke abantu, kananjalo noEtan umEzra – ethe kratya kunoHeman, uKalkoli, noDarda oonyana bakaMaholi. Udumo lwakhe ngobulumko lwanwenwela kuzo zonke izizwe ezijikelezileyo.