1 Kings 5:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU u‐Hirame, ukumkani we‐Tire, wasusa izicaka zake ukuya ku‐Solomone; ngokuba ebevile okokuba bamtambisile yena abe ngukumkani esikundleni soyise: ngokuba u‐Hirame ebemtandile u‐Davide ngamaxesha onke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathuma ke uHiram, ukumkani waseTire, abakhonzi bakhe kuSolomon; kuba ubevile ukuba uthanjisiwe ukuba abe ngukumkani, esikhundleni sikayise; ngokuba uHiram ubehleli emthanda uDavide yonke imihla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathuma uHiram, ukumkani waseTire, abakhonzi bakhe kuSolomon; kuba wayevile ukuba bamthambisile ukuba abe ngukumkani endlwini kayise, ekubeni uHiram wayesoloko emthanda uDavide.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ukumkani uHiram waseTire akuva ukuba uSolomon uthanjisiwe wangena esikhundleni sikaDavide, wathumela oonozaku-zaku bakhe kuSolomon, kuba kaloku kwakusoloko kukho unxibelelwano lobuhlobo phakathi kwakhe noDavide.