1 Kings 5:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Solomone wanika u‐Hirame ikore ezingamawaka angamashumi mabini zenqolowa, ibe kukudla kwabendlu yake, nekore ezimashumi mabini zeoli enqushelweyo: wenje njalo u‐Solomone ukunika u‐Hirame ngomnyaka ngomnyaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USolomon wamnika uHiram amashumi amabini amawaka eekore zengqolowa, ukuba idle indlu yakhe; namashumi omabini eekore zeoli engqushiweyo; wenjenjalo ke uSolomon ukumnika uHiram iminyaka ngeminyaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSolomon wamnika uHiram amashumi amabini amawaka engqolowa ukuba idle indlu yakhe; namashumi amabini eekore zeoli engqushiweyo; uSolomon wayinika uHiram njengaminyaka le.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uSolomon waxhasa uHiram ngokutya minyaka le: amashumi amabini eetoni zengqolowa, nesine samakhulu amawaka eelitha zamafutha omnquma acwengileyo.