1 Kings 5:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku xela ukuba kundigaulelwe imiti yesedare e‐Lebanone; zaye izicaka zam ziya kuba nezako, nomvuzo wezicaka zako ndowunika kuwe, njengako konke uya kukutsho: ngokuba usazi wena ukuba akuko pakati kwetu namnye okwaziyo ukugaula imiti njengama‐Tsidone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ke wisa umthetho, bandigawulele imisedare eLebhanon;abakhonzi bam babe nabakhonzi bakho; ndikunike umvuzo wabakhonzi bakho, njengako konke owokuthetha; ngokuba uyazi wena, ukuba kuthi apha akukho ndoda ikwaziyo ukugawula imithi njengamaTsidon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke wisa umthetho, bandimisele imisedare eLebhanon; abakhonzi bam babe nabakhonzi bakho, ndikunike umvuzo ngokwento yonke othe wabawisela umthetho ngayo; ngokuba niyazi nina, ukuba akukho namnye kuthi ogawula imithi njengamaTsidon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke wena nceda uyalele ndigawulelwe imisedare eLebhanon. Amadoda am aya kusebenzisana nawakho kulo msebenzi, ndize ke mna amadoda akho ndiwahlawule loo mvuzo uwumisileyo. Kaloku nawe uyazi ukuba abam abasebenzi abanabo ubuchule obunjengobo bamaSidon ekugawuleni imithi.”