1 Kings 5:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
izicaka zam ziya kuhla nayo e‐Lebanone ziyise elwandle; ndandiya kuyisa ngemitantatu pezu kwolwandle kulondawo uya kunditumela ilizwi ngayo, ndize ndiyicite kona, wandule wena uyisuse: kanjako wena uya kufeza intando yam, ngokunika abendlu yam ukudla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abakhonzi bam boyihlisa eLebhanon, bayise elwandle;ndiyihlanganise ndiyidadise elwandle, ndiyise kuloo ndawo wondimisela yona, ndiyikhulule khona, uyithabathe khona; ke wena wenze ukuthanda kwam, ngokuyinika ukudla indlu yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abakhonzi bam boyihlisela elwandle lwaseLebhanon; mna ndiya kumse elwandle, adada, kuloo ndawo uya kundikhubekisa kuyo, ndimse elwandle, umamkele; wondiphilisa ke umnqweno wokunika indlu yam ukudla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amadoda am aya kuyithoba eLebhanon, ayise elwandle, aze ke ayenze iinyanda, ayidadise, ayise kuloo ndawo ufuna ibe kuyo. Aya kuyikhulula ke, uze wena uyithathe umke nayo. Nto oya kuyenza ke wena kukuxhasa ikomkhulu eli ngokutya.”