1 Kings 6:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAZA kwati, ngowamakulu mane anamashumi asibozo umnyaka emva kwokupuma kwosapo luka‐Sirayeli elizweni le‐Jipete, ngomnyaka wesine wobukumkani buka‐Solomone pezu kwo‐Sirayeli, ngenyanga yo‐Zive: eyiyo inyanga yesibini, waqala ukwaka indlu kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omane anamanci asibhozo bephumile oonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngomnyaka wesine uSolomon engukumkani kumaSirayeli, ngenyanga enguZivi, eyinyanga yesibini, wamakhela uYehova indlu leyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomnyaka wamakhulu amane anamanci asibhozo anababini koonyana bakaSirayeli, baphumayo ezweni laseYiputa, ngomnyaka wesine kaSolomon engukumkani kwaSirayeli, ngenyanga enguSifi, oko kukuthi, inyanga yesibini ukwakha indlu kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngonyaka wamakhulu amane namashumi asibhozo ephumile amaSirayeli eJiputa, xa kanye uSolomon wayekunyaka wesine elawula amaSirayeli, ngenyanga yesibini uZivi, waqalisa ukuyakha indlu *kaNdikhoyo.