1 Kings 6:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayebeka ikerubime ezo endlwini yapakati: kwaye kutwabululwa amapiko ekerubime, ukuba ipiko lenye lafikela olunye udonga, nepiko lenye ikerubime lafikela olunye udonga; kanjako amapiko azo afikelana pakati kwendlu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazibeka iikerubhi ezo ngaphakathi kwengaphakathi indlu;oluka amaphiko eekerubhi: lafikelela iphiko lenye eludongeni, lathi iphiko lekerubhi yesibini lafikelela kolunye udonga; aza amaphiko azo afikelelana esazulwini sendlu: elinye iphiko lafikelela kwelinye iphiko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazibeka iikerubhi endlwini engaphakathi, oluka amaphiko eekerubhi, lada iphiko lenye lafika kolunye udonga, lathi iphiko lenye ikerubhi lafikelela kolunye udonga; aza amaphiko azo afikelelana esazulwini sendlu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zozibini ke ezi zithunywa zazimi zilungelelene apho kwigumbi eliphakathi. Amabini kuloo maphiko azo athe naa ayerhecana esazulwini segumbi elo, aze amanye la mabini arhece iindonga.