1 Kings 6:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesaka ngaseludongeni lwendlu inkambili ngokungqonga, ngasezindongeni zendlu ngokungqonga, ezetempile nezendawo yokupendula: wazenza inkambili zasecaleni ngento engqongayo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakha eludongeni lwendlu umayamo ngeenxa zonke; ezindongeni zendlu ngeenxa zonke, ezo zebhotwe nezendawo yezihlabo, wenza amagumbi emacaleni ngeenxa zonke;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ecaleni kodonga lwendlu wakha amagumbi okuhlangana ngeenxa zonke; wenza namagumbi kuzo zonke iindawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphandle phaya wakha umgangatho owayame eludongeni, ujikeleza igumbi eliphambili neliphakathi, waza wakha neminye imigangatho phezu kwawo.