1 Kings 6:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku indlu le, ekwakiweni kwayo, yakiwa ngamatye asel’ elungisiwe engekasiwa; ukuba bekungavakali izando, nezembe, n enye impahla yesincete kulondlu, ekwakiweni kwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Indlu ekwakhiweni kwayo yakhiwa ngamatye aselegqityiwe ukulungiswa endaweni ambiwa kuyo; izando nezixholo, zonke iimpahla zesinyithi, azivakalanga kuloo ndlu ekwakhiweni kwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Indlu ekwakhiweni kwayo yakhiwa ngamatye alungisiweyo, ingekaziswa kuyo, ukuze kungavakali sando, nazembe, nasiphi na isixhobo esenziwe ngesinyithi endlwini ekwakhiweni kwayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa yakhiwayo ke le ndlu amatye ayo ayeqingqelwa kulaa ndawo athathwa kuyo. Ngaloo ndlela ke kwakungasetyenziswa sando nasixozi okanye nasiphi na esinye isixhobo esingxolayo sentsimbi apho kweso siza kwakusakhiwa kuso.