1 Kings 7:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walwenza nolwandle olutyityishiweyo; lwaluzikubite ezilishumi kwa kuwo omnye umpeto kwada kwakuwo omnye umpeto, luyinqukuva ngokungqonga, luzikubite ezintlanu ubupakamo balo; lwalujikelezwa ngentambo yekubite ezimashumi matatu ngento engqongayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi ukusuka kolunye udini lwalo, kuyiwe kolunye udini lwalo, luyinqila ngeenxa zonke, lwaziikubhite ezintlanu ukuphakama kwalo; kwajikeleza kulo umtya oziikubhite ezimashumi mathathu ngeenxa zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye; ibingqukuva, ukuphakama kwayo kube ziikubhite ezintlanu; yaye umtya oziikubhite ezimashumi mathathu wawujikelezile ngeenxa zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo wenza ichibi ngobhedu. Lalingqukuva, liziimitha ezimbini ezinekota ubunzulu, ububanzi buziimitha ezine ezinesiqingatha, laza ke laziimitha ezilishumi elinekota ukujikeleza.