1 Kings 8:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WANDULA u‐Solomone wabahlanganisa abadala bo‐Sirayeli, nabo bonke abazintloko zezizwe, inkosi zendlu zoyise zosapo luka‐Sirayeli, ukuza kukumkani u‐Solomone e‐Yerusaleme, ukuba bayinyuse ityeya yocebano lukayehova esixekweni sika‐Davide, esiyiyo i‐Ziyone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uSolomon wawabizela ndawonye amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezizwe, izikhulu zezindlu zooyise zoonyana bakaSirayeli, kukumkani uSolomon eYerusalem, ukuba bayinyuse ityeya yomnqophiso kaYehova, iphume emzini kaDavide: yiZiyon ke leyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uSolomon wawabizela kuye amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezindlu zooyise, iintloko zezindlu zoonyana bakaSirayeli, kukumkani uSolomon eYerusalem, ukuba ayithabathe kuwo umzi ityeya yomnqophiso kaYehova kaDavide, waseZiyon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ukumkani uSolomon wawabizela kuye eJerusalem onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, bonke abaziintloko zezizwe, namadoda aziinkulu zezindlu zamaSirayeli, ukuze aye kuthatha ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo eZiyon, isixeko sikaDavide.