1 Kings 8:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuselokwalomhla endapumisayo abantu bam o‐Sirayeli e‐Jipete, andinyulanga nasinye isixeko kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ukuba kwakiwe indlu, lize igama lam libe kona; koko ndimnyulile u‐Davide ukuba abe pezu kwabantu bam o‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kususela kwimini yokubakhupha kwam abantu bam amaSirayeli eYiputa, andinyulanga mzi ezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba libe khona igama lam; ndanyula uDavide ukuba abe phezu kwabantu bam amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kususela kwimini yokubakhupha kwam abantu bam amaSirayeli eYiputa, andinyulanga mzi ezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba libe khona igama lam; ke mna ndinyule uDavide ukuba abe yinganga yabantu bam amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Ukusukela kwimini endabakhuphayo ngayo abantu bam amaSirayeli eJiputa, zange ndizikhethele sixeko nakwisiphi na isizwe sakwaSirayeli apho lalinokwakhelwa khona indlu igama lam; kambe ke ndinyule uDavide ukuze abalawule abantu bam amaSirayeli.’