1 Kings 8:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! gcinela isicaka sako u‐Davide, ubawo wam, oko ukutetileyo kuye, usiti: Akuyi kukunqamkela indoda ebusweni bam, ihleli pezu kweterone yakwa‐Sirayeli; kupela ukuba onyana bako baya kulumkela indlela yabo, bahambe pambi kwam, njengokuba wena uhambile pambi kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, mgcinele umkhonzi wakho uDavide ubawo oko wakuthethayo kuye, usithi, Ebusweni bam akuyi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yakwaSirayeli; ukuba kodwa bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, bahamba phambi kwam, njengoko uhambe phambi kwam wena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko uYehova, uThixo kaSirayeli, umqinisele umkhonzi wakho uDavide ubawo oko wakuthethayo kuye, wathi, Emehlweni am akuyi kufunwa mntu, uhleli etroneni yakwaSirayeli; ukuze oonyana bakho bayigcine indlela yabo, bahambe phambi kwam, njengoko wahamba ngako wena phambi kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nangoku ke, Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, isicaka sakho uDavide ubawo khawumgcinele ezo zithembiso wamenzela zona usithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda yokuchopha phambi kwam kwisihlalo sokulawula sakwaSirayeli, ukuba kodwa oonyana bakho bathe bakunyamekela ngandlela zonke ukuba bahambe phambi kwam njengawe lo.’