1 Kings 8:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba amehlo ako abe evulekile pezu kwalendlu emini nasebusuku, pezu kwendawo ute ngayo: Lobako igama lam kona: ukuba upulapule umtandazo siya kutandaza ngawo isicaka sako kulendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba amehlo akho akhangele kule ndlu ubusuku nemini, kwindawo othe, Liya kuba kuyo igama lam; uphulaphule umthandazo athandaza ngawo umkhonzi wakho kule ndawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze amehlo akho avuleke le ndlu imini nobusuku, nendawo owathi ngayo, ‘Igama lam liya kuba lapho, ukuze niwuphulaphule umthandazo womkhonzi wakho wokwenza kule ndawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ubusuku nemini ngamana amehlo akho athi ntsho kuyo le ndlu. Kaloku yile wathetha ngayo usithi: ‘Igama lam liya kuba kuyo;’ Ke ngoko wuphulaphule umthandazo esiya kuthi isicaka sakho siwubhekise kule ndawo.