1 Kings 8:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandule wena uve ezulwini, wenze, ulungise izicaka zako, umgwebe okohlakeleyo, ngokunika indlela yake pezu kwentloko yake, umgwebele olungileyo, ngokumnika njengobulungisa bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yiva ke wena emazulwini, wenze, ugwebe kubakhonzi bakho;umgwebe ongendawo, uyibeke indlela yakhe phezu kwentloko yakhe;umgwebele olilungisa, umnike ngokobulungisa bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khawuve ke emazulwini, wenze, ugwebe kubakhonzi bakho, umgwebe ongendawo, uyibeke indlela yakhe entlokweni yakhe; Ilungisa limnike ngokobulungisa bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wena ke yiva usezulwini, usebenze ngaloo nto. Uze ugwebe phakathi kwezicaka zakho, umsingele phantsi onetyala, umohlwaye ngokufanele isenzo sakhe. Uze umgwebele umntu omsulwa, khon' ukuze aphuhle ukuba umsulwa.