1 Kings 8:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni abantu bako o‐Sirayeli babetwa pambi kwotshaba, ngokuba bonile ngakuwe; baze babuyele kuwe, badumise igama lako, batandaze, bakutaṙuzise kulendlu;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa bathe abantu bakho, amaSirayeli, boyiswa ziintshaba zabo, kuba bekonile, baza babuyela kuwe, balivuma igama lakho, bathandaza batarhuzisa kuwe bekule ndlu:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa abantu bakho amaSirayeli boyiswa lutshaba, kuba bekonile, babuya beza kuwe, bathandaza, bathandaza kuwe kule ndlu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa abantu bakho amaSirayeli ethe oyiswa lutshaba ngenxa yokuba ekonile wena, makathi akubuyela kuwe ebula, evuma igama lakho, ethandaza, esenza isikhungo kuwe kuyo le ndlu,