1 Kings 8:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa kubako indlala elizweni, nxa kubako isifo esibubisayo, nxa kubako imbabala, isihumba, inkumbi, uṙuxeshe; nxa intshaba zabo zibavingcela elizweni lezixeko zabo; nxa kubako isibulawa esinjanina, nesifo esinjanina:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa kuthe kwakho indlala elizweni, xa kuthe kwakho indyikitya yokufa, xa kuthe kwakho imbabala, nexoshomba, neenkumbi ezinqunquthayo; xa zithe iintshaba zabangqinga elizweni, emizini yabo; nokuba sisiphi isibetho, nokuba sisiphi isifo esithe sakho:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
“Ukuba kuthe kwakho indlala elizweni, xa kuthe kwakho indyikitya yokufa, izikhukula, iinkumbi, iinkumbi; Xa iintshaba zabo zabangqinga elizweni lemizi yabo; nasiphi na isifo, nokuba siyintoni na;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa kuthe kwakho indlala nokuba ngubhubhani kweli lizwe, okanye kubekho isihlava, isihumba, iinkumbi, iintotoviyane, okanye xa abantu bakho bathe bangqingwa lutshaba nakusiphi na kwizixeko zabo, ukanti nokuba sisiphi na isithwakumbe okanye isifo esibafikeleyo,